18. baza bonke abawevileyo bamangaliswa zezo zinto zazithethwa kubo ngabelusi.
19. Yena uMariya wazigcina zonke ezo zinto entliziyweni yakhe, wamana ezetyisa.
20. Abelusi ke babuyela emihlambini yabo, becula bedumisa uThixo ngenxa yazo zonke izinto ababezivile bazifumana zinjengoko zazixeliwe.
21. Akuba ntsuku zisibhozo umntwana ezelwe, kungumhla wokwaluswa kwakhe, uthiywe igama *elinguYesu, elo wayelithiyiwe sisithunywa sezulu engekakhawulwa nokukhawulwa.
22. Zakuba ke zifezekile iintsuku zokuhlanjululwa kwabo *ngokomthetho kaMosis, uJosefu noMariya benyuka naye uYesu, baya eJerusalem, ukuze bamnikele eNkosini,
23. njengoko kubhaliwe emthethweni weNkosi kwathiwa: “Yonke into eliduna eyeyamazibulo mayinikelwe eNkosini.”
24. Babesiya kwenza nomnikelo, njengoko kusitshiwo emthethweni weNkosi ukuthi: “Makunikelwe ngesibini samahobe, nokuba ngamathole amabini evukuthu.”
25. EJerusalem apho kwakukho umntu ogama linguSimon. Wayelilungisa, emhlonela uThixo, elindele ukuthuthuzelwa kwamaSirayeli, enefuthe likaMoya oyiNgcwele.
26. Wayetyhilelwe nguMoya oyiNgcwele ukuba akayi kufa engekamboni uKrestu weNkosi.
27. Waya endlwini kaThixo, ethunywa nguMoya. Kwathi ke, akungeniswa uYesu ngabazali bakhe, befezekisa umthetho,
28. uSimon wamfunqula, wabonga uThixo, wathi:
29. “Nkosi, ngokwesithembiso sakho,uyasikhulula ngoku isicaka sakho sinoxolo,
30. kuba amehlo am alubonile usindiso lwakho,
31. olulungiselele bonke abantu,
32. ulukhanyiso lokukhanyisela iintlanga,lubalula abantu bakho amaSirayeli.”
33. Abazali bakhe bamangaliswa zezo zinto zithethwayo ngoYesu.
34. USimon wabasikelela, wathi kuMariya unina: “Uyabona, lo Mntwana umiselwe ukuwa nokuvuka kwabaninzi kwaSirayeli, nokuba abe ngumqondiso ochasiweyo,