18. Umphathi othile wabuza kuYesu esithi: “Mfundisi olungileyo, ndingenza ntoni na ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade?”
19. UYesu wathi kuye: “Kutheni usithi ndilungile nje? Akukho mntu ulungileyo. Mnye kuphela olungileyo: nguThixo.
20. Uyayazi imithetho ethi uze ungakrexezi; uze ungabulali; uze ungebi; uze ungangqini ubuxoki; beka uyihlo nonyoko.”
21. Ke yena wathi: “Zonke ezo zinto ndazigcina kwasebuncinaneni bam.”
22. Ekuvile oko uYesu, wathi kuye: “Kusekho into enye oyisweleyo: zithengise zonke izinto onazo, wabele amahlwempu imali leyo; woba nobutyebi ezulwini; uze kum, ube ngumlandeli wam.”
23. Ezivile ezo ndawo, wadana, kuba wayesisinhanha.
24. UYesu, ekubona ukudana kwakhe, wathi: “Hayi ubunzima bokuba izityebi zikuxhamle ukulawulwa nguThixo.
25. Kungâlula ukuba inkamela iphumele entunjeni yenaliti, kunokuba isityebi sixhamle ubuncwane bokulawulwa nguThixo.”
26. Abo bevayo ke bathi: “Ngubani ke onokusindiswa?”
27. Waza uYesu wathi: “Oko aba umntu akunakwenzeka, kunokwenziwa nguThixo.”
28. Ke uPetros wathi: “Khangela, thina sishiye zonke izinto sakulandela.”
29. Waza uYesu wathi kubo: “Ndithi kuni, inene, akukho namnye ushiye indlu, nokuba ngumfazi, nokuba ngabantakwabo, nokuba ngabazali, nokuba ngabantwana, ngenxa yokufuna ukulawulwa nguThixo,