2. Kunokuba akhubekise nokuba mnye kwaba bancinane, ngekumlungele kanye ukuba agangxwe ilitye lokusila entanyeni, aphoswe elwandle.
3. Zilumkeleni.“Ukuba uwenu uthe wakona, mkhalimele; ke ukuba uthe wazohlwaya, mxolele.
4. Nokuba uthe wakona kasixhenxe ngemini, waza wabuyela kuwe kasixhenxe ngemini, esithi: ‘Ndiv' intw' embi, ndixolele;’ wena uze umxolele.”
5. *Abathunywa bâthi kuyo iNkosi: “Sandisele ukholo.”
6. Ke iNkosi yathi: “Ukuba beninokholo olungangokhozo lwembewu yemostade, beninokuthi kulo mthi: ‘Ncothuka, umiliseleke phakathi elwandle;’ uze unive.”
7. “Nguwuphi na kuni onokuthi enesicaka silima okanye sisalusa, kuthi sakufika isicaka sivela emasimini, athi kuso kwangoko: ‘Hlala phantsi, utye’?
8. Úya kuthi: ‘Ndilungiselele into etyiwayo, ubhinqe, undiququzelele nditye ndisele; ze ke emva koko utye usele nawe.’
9. Isicaka asibulelwa ngokwenza loo nto siyimiselweyo, anditsho?
10. Ngokukwanjalo nani, xa nithe nazenza zonke izinto enizimiselweyo, yithini: ‘Sizizicaka nje; senzé oko besimelwe kukukwenza.’ ”
11. Ke kaloku ekuhambeni kukaYesu esiya eJerusalem, ucande phakathi kwelamaSamariya nelaseGalili.
12. Ekungeneni kwakhe kwidolophana ethile, wahlangatyezwa ngamadoda alishumi aneqhenqa; aza amela mgama.
13. Akhwaza ke esithi: “Yesu, Mhlekazi, senzele inceba!”
14. Ewabonile, wathi kuwo: “Hambani niye kuzibonakalisa kubabingeleli.”Kwathi ke ekuyeni kwawo ahlanjululwa.