Uluka 17:1-13 Ibhayibhile (XHO96)

1. UYesu wathi kubafundi bakhe: “Azinakungehli izinto ezibakhubekisayo abantu; kodwa hayi ilishwa laloo mntu kuza ngaye ukukhubekisa!

2. Kunokuba akhubekise nokuba mnye kwaba bancinane, ngekumlungele kanye ukuba agangxwe ilitye lokusila entanyeni, aphoswe elwandle.

3. Zilumkeleni.“Ukuba uwenu uthe wakona, mkhalimele; ke ukuba uthe wazohlwaya, mxolele.

4. Nokuba uthe wakona kasixhenxe ngemini, waza wabuyela kuwe kasixhenxe ngemini, esithi: ‘Ndiv' intw' embi, ndixolele;’ wena uze umxolele.”

5. *Abathunywa bâthi kuyo iNkosi: “Sandisele ukholo.”

6. Ke iNkosi yathi: “Ukuba beninokholo olungangokhozo lwembewu yemostade, beninokuthi kulo mthi: ‘Ncothuka, umiliseleke phakathi elwandle;’ uze unive.”

7. “Nguwuphi na kuni onokuthi enesicaka silima okanye sisalusa, kuthi sakufika isicaka sivela emasimini, athi kuso kwangoko: ‘Hlala phantsi, utye’?

8. Úya kuthi: ‘Ndilungiselele into etyiwayo, ubhinqe, undiququzelele nditye ndisele; ze ke emva koko utye usele nawe.’

9. Isicaka asibulelwa ngokwenza loo nto siyimiselweyo, anditsho?

10. Ngokukwanjalo nani, xa nithe nazenza zonke izinto enizimiselweyo, yithini: ‘Sizizicaka nje; senzé oko besimelwe kukukwenza.’ ”

11. Ke kaloku ekuhambeni kukaYesu esiya eJerusalem, ucande phakathi kwelamaSamariya nelaseGalili.

12. Ekungeneni kwakhe kwidolophana ethile, wahlangatyezwa ngamadoda alishumi aneqhenqa; aza amela mgama.

13. Akhwaza ke esithi: “Yesu, Mhlekazi, senzele inceba!”

Uluka 17