Uluka 16:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke uYesu wathi kubafundi bakhe: “Kwakukho sityebi sithile esasinegosa, elathi lona lamangalelwa kuso ngokuyichitha impahla yaso.

2. Silibizile ke, sathi kulo: ‘Yintoni le ndiyivayo ngawe? Khawenze ingxelo yobugosa bakho, kuba akusayi kuba saba ligosa.’

3. Lacinga ke igosa lathi: ‘Ndiya kuthini, bethu, inkosi yam indisusa nje ebugoseni? Ndiphangele? Hayi, kuyandoyisa! Ndingqibe? Hayi, ndineentloni!

4. O-o-o, ndiyayazi into endiya kuyenza, ukuze xa ndithe ndasuswa ebugoseni bandamkele ezindlwini zabo abantu.’

5. “Ke libabizele kulo ngabanye abanamatyala enkosini yalo, lathi kowokuqala: ‘Unatyala lingakanani na enkosini yam?’

6. Wathi yena: ‘Likhulu leengqayi zeoyile yomnquma.’ Lathi kuye: ‘Thatha iphepha lakho, ukhawuleze uhlale phantsi, ubhale amashumi amahlanu.’

7. Emva koko lathi komnye: ‘Wena ke unatyala lingakanani?’ Wathi yena: ‘Likhulu leengxowa zengqolowa.’ Lathi kuye: ‘Thatha iphepha lakho, ubhale amashumi asibhozo.’

8. “Yaza inkosi yalo yalincoma ngokundweba kwalo eli gosa linamaqhinga; kuba kwezobulumko obusingisele koogxa babo, abeli phakade bayabagqitha abakhanyiselwe nguThixo.”

Uluka 16