Uluka 16:1-2 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke uYesu wathi kubafundi bakhe: “Kwakukho sityebi sithile esasinegosa, elathi lona lamangalelwa kuso ngokuyichitha impahla yaso.

2. Silibizile ke, sathi kulo: ‘Yintoni le ndiyivayo ngawe? Khawenze ingxelo yobugosa bakho, kuba akusayi kuba saba ligosa.’

Uluka 16