Uluka 15:14-30 Ibhayibhile (XHO96)

14. Kwathi yakuba iyichithe yonke, kwabakho indlala enzima kwelo zwe, yaza yaswela nayo.

15. Ke yona yaya kusebenza komnye kubemi belo zwe, owathi yena wayithumela emasimini akhe ukuba iye kwalúsa iihagu.

16. Ke ibinqwenela ukutya amaxolo awayetyiwa ziihagu ezo, kodwa kwakungekho mntu uyiphayo.

17. Ke kaloku, yakubuyela ezingqondweni, yathi: ‘Kanene bangakanani na abaqeshwa bakabawo abahlutha sisonka, kanti ndim lo mna ndisifa yindlala!

18. Ndiya kusuka ndiye kubawo, ndithi kuye: Bawo, ndimonile uThixo, nawe ndikonile.

19. Andisafanelanga nokuba kuthiwe ndingunyana wakho, ndénze ndibe njengomnye wabaqeshwa bakho.’

20. Yesuka ke, yaya kuyise.“Ke kaloku kwathi, isekude lee, uyise wayibona, wavelana nayo, wayikhawulela, wayigona, wayanga.

21. Ke unyana wathi kuye: ‘Bawo, ndimonile uThixo, nawe ndikonile. Andisafanelanga nokuba kuthiwe ndingunyana wakho.’

22. Kodwa uyise wathi kwizicaka zakhe: ‘Khawulezisani, nize nesona sambatho sihle, nimambathise, nifake umsesane emnweni wakhe, nezihlangu ezinyaweni zakhe.

23. Ze ke nize nelaa thole lityetyisiweyo, nilixhele, sitye sichwayite;

24. kuba lo nyana wam ubefile, wabuya waphila; ubelahlekile, wafunyanwa.’ Baza ke bona bachwayita.

25. “Ke yona inkulu yayivela emasimini, kwathi yakusondela endlwini, yeva iingoma nokududa.

26. Yabizela kuyo esinye kwizicaka, yasibuza ukuba kwenzeka ntoni na.

27. Isicaka sathi kuyo: ‘Umninawe wakho ubuyile. Ke uyihlo uxhele elaa thole lityetyisiweyo, kuba ebuye wamzuza ephilile.’

28. Yaqumba inkulu, ayavuma nokungena oku, waza uyise waphuma wacengana nayo.

29. Kodwa yona imphendule uyise yathi: ‘Khangela, ndikukhonze le minyaka ingakanana, ndingazange ndagqitha namnye umthetho wakho, kanti akuzange undinike netakane eli, ukuze ndichwayite nezam izihlobo.

30. Kodwa akufika lo nyana wakho, lo wayidlayo wayigqiba impahla yakho namahenyukazi, usuke wamxhelela elaa thole lityetyisiweyo.’

Uluka 15