Uluka 15:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku into eninzi yabaqokeleli-rhafu *naboni yasondela kuYesu, yamngqonga ukuba imphulaphule.

2. *AbaFarasi nabachazi-mthetho babekhalaza, besithi: “Lo mfo uthene nca naboni; utya nabo.”

3. Waza ke uYesu wenza umzekeliso wathi:

4. “Nguwuphi na kuni onokuthi enekhulu leegusha, kuze kulahleke enye kuzo, angazishiyi endle ezo zimashumi alithoba anethoba, aye kufuna leyo ilahlekileyo, ade ayifumane?

5. Hayi ukuvuya kwakhe ke akuba eyifumene! Woyithwala emagxeni,

6. athi akufika ekhaya, abizele ndawonye abahlobo nabamelwane, esithi kubo: ‘Vuyisanani nam, kuba ndiyifumene igusha yam ebilahlekile.’

7. Ndiyanixelela ukuba ngokukwanjalo kuya kubakho uvuyo ezulwini nangomoni omnye oguqukayo kunamashumi alithoba anethoba lamalungisa angaswelanga nguquko.”

Uluka 15