1. Ekubeni kwakuhlanganisene amawaka-waka abantu ababebaninzi ngokokude banyathelane, uYesu wathi kubafundi bakhe kuqala: “Lilumkeleni igwele *labaFarasi elikukuzenzisa.
2. Akukho nto ifihliweyo ingayi kudizwa, nanto igqunyiweyo ingayi kwaziwa.
3. Ngenxa yoko kothi enikuthethe ebumnyameni kuviwe ekuhleni, nenikusebeze ngasese kukhwazwe phandle.”