43. “Mawoo, nina baFarasi! Nithanda izihlalo eziphambili *ezindlwini zesikhungo, nokukhahlelwa emabaleni embutho.
44. Mawoo, nina! Ninjengamangcwaba angasabonakaliyo, abathi abantu bahambe phezu kwawo bengawazi.”
45. Waphendula ke othile wakubachazi-mthetho, wathi kuye: “Mfundisi, uthetha ngolu hlobo nje, uyasigxeka nathi.”
46. Uthe ke yena uYesu: “Mawoo, nani bachazi-mthetho! Abantu nibathwalisa imithwalo enzima, kanti nina le mithwalo aniyichukumisi nokuyichukumisa nangomnwe lo.