11. Ngubani na kuni onokuthi enonyana ocela intlanzi, asuke amnike inyoka,
12. okanye athi, ecela iqanda, asuke amnike unomadudwane?
13. Ukuba ngoko nina, nikhohlakele nje, niyakwazi ukubapha abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi yena uYihlo osezulwini ukugqithisela ukubapha uMoya oyiNgcwele abo bamcelayo?”
14. UYesu wayekhupha indimoni edala ubumumu emntwini; kwaza kwathi, yakuphuma indimoni, isimumu eso sathetha. Samangaliswa ke isihlwele,
15. kodwa abathile kuso bathi: “Iindimoni ezi uzikhupha ngoSathana, umphathi weendimoni.”
16. Abanye babemlinga, befuna umqondiso ophuma ezulwini.
17. Ke uYesu, ezazi iingcamango zabo, wathi kubo: “Bonke uburhulumente obuvukelana bodwa buyawa, nomzi ovukelana wodwa uyachithakala.
18. NoSathana ke, ukuba okwakhe kuthe kwavukelana kodwa, lothini na ukungonakali ulawulo lwakhe? Nina nithi iindimoni ndizikhupha ngoSathana.
19. Ke ukuba iindimoni ndizikhupha ngoSathana,Okanye “ngoBhelezabhubhe” bazikhupha ngabani ke bona oonyana benu? Mabaphendule, nigwetywe ngabo.
20. Ukuba ke iindimoni ndizikhupha ngamandla kaThixo, yazini ukuba ulawulo lukaThixo seluthwasile kuni.
21. “Ukuba igorha lithe laxhoba lafa amacala, lawulinda umzi walo, impahla yalo yohlala igcinakele.
22. Kodwa ukuba kuthe kwafika elinye igorha elinamandla kunalo, laloyisa, lolihlutha sonke isikrweqe salo ebelikholose ngaso, liwabe amaxhoba alo.
23. “Lowo ungekho ngakum, uchasene nam; nalowo ungandiqokelelisiyo, uyachitha-chitha.”
24. “Xa indimoni ithe yaphuma emntwini, icanda ezinkqantosini, ifuna ukuphumla; ize yakuba ingakufumani, isuke ithi: ‘Ndiya kubuyela endlwini yam endaphuma kuyo.’
25. Ithi yakufika, iyifumane itshayelwe, ilungisiwe;
26. ize ke ijike iye kuphuthuma ezinye iindimoni ezisixhenxe ezikhohlakeleyo kunayo, zingene ke zihlale khona; ize imeko yamva yaloo mntu ibe mbi kuneyokuqala.”