Uluka 1:16-32 Ibhayibhile (XHO96)

16. Uya kubuyisela amaSirayeli amaninzi eNkosini uThixo wawo.

17. Uya kuyibhulela umbethe iNkosi, enamandla njengoEliya, axolelanise uyise nomntwana, ababuyisele ebulungiseni abangevayo, alungiselele iNkosi abantu bayo.”

18. UZakariya wathi kwisithunywa eso: “Ndiya kuyiqonda ngani le nto? Kaloku mna sendimdala, nomfazi wam selaluphele.”

19. Saphendula ke isithunywa sathi kuye: “Mna ndinguGabriyeli oma phambi koThixo. Ndithunyiwe ukuba ndithethe nawe, ndikuxelele ezi ndaba zimnandi.

20. Ngenxa yokuba ungakholwa ngamazwi am, uyabona, uya kuvaleka, ungabi nako ukuthetha, kude kube yiloo mini zenzeka ngayo ezi zinto. Kanti ke la mazwi aya kuzalisekiswa ngexesha lawo.”

21. Abantu babemlindile uZakariya, bemangalisiwe kukulibala kwakhe endaweni engcwele.

22. Uthe ke akuphuma engasenako ukuthetha, baqonda ukuba ubone umbono apho endaweni engcwele. Wathi, ekhohliwe kukuthetha, wamana enqwala.

23. Lakuphela ixesha lokukhonza kweqela lakhe, uZakariya wagoduka.

24. Emva koko uElizabhete umfazi wakhe wamitha, wazifihla iinyanga zade zantlanu,

25. wavakala esithi: “Kwenziwe yiNkosi oku. Ide yandenzela inceba, yaphelisa ukudeleka kwam phakathi kwabantu.”

26. Ngenyanga yesithandathu isithunywa esinguGabriyeli sathunywa nguThixo kwelaseGalili, kwidolophu eyiNazarete,

27. kwintombi eyayisendela kumfana wendlu kaDavide, ogama linguJosefu. Igama lentombi leyo lalinguMariya.

28. Safika ke isithunywa kuye, sathi: “Bhota, wena ubabalweyo! INkosi inawe.”

29. UMariya woyika akuweva la mazwi, waza wafuna engqondweni ukuba ngaba ngumbuliso mni na lo.

30. Isithunywa ke sathi kuye: “Musa ukoyika, Mariya, kuba uThixo ukwenzela isisa.

31. Uyabona, uza kumitha, uzale unyana, umthiye igama *elinguYesu.

32. Yena uya kuba mkhulu, abizwe ngokuba nguNyana kaPhezukonke. INkosi uThixo iya kummisela abe ngukumkani kwaDavide uyise,

Uluka 1