Uluka 1:10-20 Ibhayibhile (XHO96)

10. kukho inkitha yabantu ithandaza ngaphandle ngexesha lesiqhumiso.

11. Kwabonakala isithunywa seNkosi kuye, simi ngasekunene kweqonga lesiqhumiso.

12. Wothuka uZakariya akusibona, wangenwa luloyiko.

13. Isithunywa eso sathi kuye: “Musa ukoyika, Zakariya. UThixo uwuvile umthandazo wakho. Umfazi wakho uElizabhete uya kuzala unyana. Uze umthiye igama elinguYohane.

14. Ukuzalwa kwakhe kuya kukuphathela uvuyo nolonwabo, ize loo nto ibe luvuyo nakubantu abaninzi.

15. Yena uya kubaluleka eNkosini, angaseli wayini nasiselo sinxilisayo, alawulwe nguMoya oyiNgcwele kwasekuzalweni kwakhe.

16. Uya kubuyisela amaSirayeli amaninzi eNkosini uThixo wawo.

17. Uya kuyibhulela umbethe iNkosi, enamandla njengoEliya, axolelanise uyise nomntwana, ababuyisele ebulungiseni abangevayo, alungiselele iNkosi abantu bayo.”

18. UZakariya wathi kwisithunywa eso: “Ndiya kuyiqonda ngani le nto? Kaloku mna sendimdala, nomfazi wam selaluphele.”

19. Saphendula ke isithunywa sathi kuye: “Mna ndinguGabriyeli oma phambi koThixo. Ndithunyiwe ukuba ndithethe nawe, ndikuxelele ezi ndaba zimnandi.

20. Ngenxa yokuba ungakholwa ngamazwi am, uyabona, uya kuvaleka, ungabi nako ukuthetha, kude kube yiloo mini zenzeka ngayo ezi zinto. Kanti ke la mazwi aya kuzalisekiswa ngexesha lawo.”

Uluka 1