5. Nanko utsiba-tsiba ezintabeni.Yingxokolo engathi kukugaxaza kweenqwelo zokulwa,ngathi kukunqanqaza komququ otshiswa ngumlilo.Unqwa nomkhosi oqulele imfazwe.
6. Ewe, wona nguvela-barhwaqele;phambi kwawo ubuso bezizwe buyambatsha.
7. Uhlasela okwamagorha;ugwencel' iindonga okwamajoni;ungqala phambili ungajika-jiki.
8. Ewe, awugxalathelani, uhlala uthe mbo;nokuba sewubulawa loo nto ayiwuthibazi.
9. Usuka uphoseke phakath' esixekweni,uqakathe phezu kwezo ndonga.Usuka utsho phakathi ezindlwininangeefestile ngathi ngamasela.
10. Wakuvela suka kunyikim' umhlaba;ke sona isibhakabhaka singcangcazele,ilanga nenyanga zijike zibe mnyama,ke zona iinkwenkwezi zitsho zifiphale.
11. UNdikhoyo uzongomisa ngelo lizwi,endolosa phambi komkhosi wakhe.Awakhe amabutho yinkungu nelanga;ewe, yena uthotyelwa ngamagorha.Hay' ubukhulu bemini kaNdikhoyo!Awu, hay' ukoyikeka kwayo!Yaz'ba ngubani na onokumelana nayo?
12. Ewe kaloku, utsho uNdikhoyo,yena uthi: “Qalisani kwangoku.Buyelani kum ngamxhelo mnyengokuzila, ngeenyembezi, nangesingqala.”
13. Ndithi sanukuzikrazula izinxibo,koko zisoleni kukrazuk' iintliziyo.Buyelani kuNdikhoyo uThixo wenu;kaloku yena unesisa kwanemfobe,uza kade umsindo,yimvuze-mvuze ngobubele;ewe, unebuyambo, akananqala.
14. Ngubani ke owaziyo?Noko mhlawumbi angabuya asivele,asithululele iintsikelelo –umnikelo weenkozo kunye nothululwayouziswe kuNdikhoyo uThixo wakho.
15. Khanihlokomise ixilongo eZiyon.Bhengezani umhla owodwa wokuzila;ewe, qokelelan' ibandla ibe yimbizo.
16. Bahlanganiseni abantu,niyihlambulule loo ntlangano.Waqokeleleni amadoda amakhulu;kananjalo qokelelani nabantwana,nize naye nalowo usebeleni.Nomyeni makalishiye igumbi lakhe,aze nomtshakazi aphume entangeni.
17. Ababingeleli abalungiselela kwaNdikhoyo mabantywizise;ewe, mabalile phakathi kwegumbi lokungena neqonga,bathi: “Khawube nebuyambo, Ndikhoyo!Abantu abalilifa lakho mabangabi sisigculelo.Mabangabi ngundaba-mlonyeni wezizwe.Abantu mabangathethi ngabo besithi:‘Ud' abe phi na lo Thixo wabo?’ ”
18. *UNdikhoyo woba nekhwele ngelizwe lakhe,abenzele inceba abantu bakhe.
19. UNdikhoyo wobaphendula athi:“Ewe, ndiza kuninika ingqolowa,newayini entsha, namafutha omnquma.Ngenene niya kutya nihluthe,ndingaze ndiphinde ndinenze intlekisa phakathi kwezizwe.