4. Mbonakalo yawo ngathi ngamahashe;ewe, uphala oku kwawomkhosi.
5. Nanko utsiba-tsiba ezintabeni.Yingxokolo engathi kukugaxaza kweenqwelo zokulwa,ngathi kukunqanqaza komququ otshiswa ngumlilo.Unqwa nomkhosi oqulele imfazwe.
6. Ewe, wona nguvela-barhwaqele;phambi kwawo ubuso bezizwe buyambatsha.
7. Uhlasela okwamagorha;ugwencel' iindonga okwamajoni;ungqala phambili ungajika-jiki.
8. Ewe, awugxalathelani, uhlala uthe mbo;nokuba sewubulawa loo nto ayiwuthibazi.
9. Usuka uphoseke phakath' esixekweni,uqakathe phezu kwezo ndonga.Usuka utsho phakathi ezindlwininangeefestile ngathi ngamasela.
10. Wakuvela suka kunyikim' umhlaba;ke sona isibhakabhaka singcangcazele,ilanga nenyanga zijike zibe mnyama,ke zona iinkwenkwezi zitsho zifiphale.
11. UNdikhoyo uzongomisa ngelo lizwi,endolosa phambi komkhosi wakhe.Awakhe amabutho yinkungu nelanga;ewe, yena uthotyelwa ngamagorha.Hay' ubukhulu bemini kaNdikhoyo!Awu, hay' ukoyikeka kwayo!Yaz'ba ngubani na onokumelana nayo?
12. Ewe kaloku, utsho uNdikhoyo,yena uthi: “Qalisani kwangoku.Buyelani kum ngamxhelo mnyengokuzila, ngeenyembezi, nangesingqala.”
13. Ndithi sanukuzikrazula izinxibo,koko zisoleni kukrazuk' iintliziyo.Buyelani kuNdikhoyo uThixo wenu;kaloku yena unesisa kwanemfobe,uza kade umsindo,yimvuze-mvuze ngobubele;ewe, unebuyambo, akananqala.
14. Ngubani ke owaziyo?Noko mhlawumbi angabuya asivele,asithululele iintsikelelo –umnikelo weenkozo kunye nothululwayouziswe kuNdikhoyo uThixo wakho.
15. Khanihlokomise ixilongo eZiyon.Bhengezani umhla owodwa wokuzila;ewe, qokelelan' ibandla ibe yimbizo.
16. Bahlanganiseni abantu,niyihlambulule loo ntlangano.Waqokeleleni amadoda amakhulu;kananjalo qokelelani nabantwana,nize naye nalowo usebeleni.Nomyeni makalishiye igumbi lakhe,aze nomtshakazi aphume entangeni.
17. Ababingeleli abalungiselela kwaNdikhoyo mabantywizise;ewe, mabalile phakathi kwegumbi lokungena neqonga,bathi: “Khawube nebuyambo, Ndikhoyo!Abantu abalilifa lakho mabangabi sisigculelo.Mabangabi ngundaba-mlonyeni wezizwe.Abantu mabangathethi ngabo besithi:‘Ud' abe phi na lo Thixo wabo?’ ”
18. *UNdikhoyo woba nekhwele ngelizwe lakhe,abenzele inceba abantu bakhe.
19. UNdikhoyo wobaphendula athi:“Ewe, ndiza kuninika ingqolowa,newayini entsha, namafutha omnquma.Ngenene niya kutya nihluthe,ndingaze ndiphinde ndinenze intlekisa phakathi kwezizwe.
20. Ndosigxotha isibetho esivela ngasentla,ndisidudulele kwinkangala yentlango.Amabutho aphambili ndiwase kulwandle lwasempuma,asemva wona ndiwase kolwasentshonalanga.Hayi ke ukubopha kwevumba lazo!Kuba kambe iziphakamisile ngokwenza izinto ezinkulu.
21. Musa ukoyika, mhlabandini;ewe, yiba nemihlali wonwabengenxa yemisebenzi emikhulu ayenzayo uNdikhoyo.
22. Sanukoyika nani, zilwanyana zasendle.Kaloku amadlelo asentlango ayahluma,imithi nayo ithwala iziqhamo zayo,ngokunjalo umkhiwane nomdiliya uyavuza zizo.