22. Sanukoyika nani, zilwanyana zasendle.Kaloku amadlelo asentlango ayahluma,imithi nayo ithwala iziqhamo zayo,ngokunjalo umkhiwane nomdiliya uyavuza zizo.
23. Vuyani nani, bemi baseZiyon.Yonwabani kuNdikhoyo uThixo wenu,kuba uninike ngobulungisa imvula yasekwindla,wanithululela izandyondyo zomvimbi ekwindla nasentlakohlaza,natsho nadla ngendeb' endala.
24. Izanda ziya kuzala yingqolowa,iifatyi ziphuphume yiwayini entsha namafutha omnquma.
25. Mna ndiya kunibuyekeza ngelahleko yeminyaka yeenkumbi –nditsho umkhothululi, nomqikela, nomnqunquthi,loo mkhosi wam omkhulu ndanithumela ngawo.
26. Niya kutya nizibethe zibe bomvu,nitsho nilidumise igama likaNdikhoyo uThixo wenuonenzele imimangaliso engaka.Soze baphinde badeleke abantu bam nanini na.
27. Niya kuqonda ukuba ndinaye uSirayeli,nazi ukuba ndinguNdikhoyo uThixo wenu,niqonde ukuba akukho wumbi.Ewe, soze baphinde badeleke abantu bam nanini na.”