Ujoweli 2:21-32 Ibhayibhile (XHO96)

21. Musa ukoyika, mhlabandini;ewe, yiba nemihlali wonwabengenxa yemisebenzi emikhulu ayenzayo uNdikhoyo.

22. Sanukoyika nani, zilwanyana zasendle.Kaloku amadlelo asentlango ayahluma,imithi nayo ithwala iziqhamo zayo,ngokunjalo umkhiwane nomdiliya uyavuza zizo.

23. Vuyani nani, bemi baseZiyon.Yonwabani kuNdikhoyo uThixo wenu,kuba uninike ngobulungisa imvula yasekwindla,wanithululela izandyondyo zomvimbi ekwindla nasentlakohlaza,natsho nadla ngendeb' endala.

24. Izanda ziya kuzala yingqolowa,iifatyi ziphuphume yiwayini entsha namafutha omnquma.

25. Mna ndiya kunibuyekeza ngelahleko yeminyaka yeenkumbi –nditsho umkhothululi, nomqikela, nomnqunquthi,loo mkhosi wam omkhulu ndanithumela ngawo.

26. Niya kutya nizibethe zibe bomvu,nitsho nilidumise igama likaNdikhoyo uThixo wenuonenzele imimangaliso engaka.Soze baphinde badeleke abantu bam nanini na.

27. Niya kuqonda ukuba ndinaye uSirayeli,nazi ukuba ndinguNdikhoyo uThixo wenu,niqonde ukuba akukho wumbi.Ewe, soze baphinde badeleke abantu bam nanini na.”

28. “Kothi ke emva koko ndithulule uMoya wam kulo lonke uluntu,bashumayele oonyana neentombi zenu,amaxhego aphuphe amaphupha,abafana babone imibono.

29. Ewe, nezicaka nezicakazanandiya kuzigalela ngoMoya wam ngaloo mihla.

30. Ndiya kwenza imiqondiso esibhakabhakeni nasemhlabeni,kube ligazi, umlilo, nentshinyela yomsi.

31. Ilanga liya kujika libe bubumnyama,inyanga ibe bomvu njengegazi,phambi kokufika kwaloo mhla mkhulu woyikekayo kaNdikhoyo.

32. Kananjalo nabani na othe wabiza igama likaNdikhoyo uya kusindiswa,kuba kaloku kwintaba iZiyon naseJerusalem kuya kubakho ukuhlangulwa,njengoko atshiloyo uNdikhoyo –nditsho ukuhlangulwa kwâbo babiziweyo nguNdikhoyo.”

Ujoweli 2