54. “Phulaphulani!Kuvakala isikhalo eBhabheli,isandi sobhukuqo olukhulu ezweni lamaKaledi,
55. kuba uNdikhoyo uyayibhukuqa iBhabheli,uyayiphelisa ingxokozelo yayo enkulu.Iintshaba ziya kugaleleka ngathi ngamaza amakhulu elwandle;kuya kuvakala isandi sengxolo yazo.
56. IBhabheli iya kufikelwa ngumbhukuqi,abanjwe amagorha ayo,ziqhawulwe izaphetha zawo.Kaloku nguThixo wempindezelo uNdikhoyo;yena ubuyekezangokupheleleyo.
57. Ndiya kuzinxilisa iziphathamandla nezilumko zayo,kwakunye neerhuluneli namagosa namagorha ayo.Baya kulala ubuthongo, bangavuki ngonaphakade.”Lowo ngumlomo weKumkani egama linguNdikhoyo uSomandla-onke.
58. Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi:“Luya kudilizwa ngokupheleleyo udonga lweBhabhelinangona lubanzi lunjalo.Amasango ayo aphakamileyo aya kutshiswa ngomlilo.Izizwe zifumane zabulaleka;imigudu yeentlanga ziinkuni zomlilo.”