Ujeremiya 51:54-58 Ibhayibhile (XHO96)

54. “Phulaphulani!Kuvakala isikhalo eBhabheli,isandi sobhukuqo olukhulu ezweni lamaKaledi,

55. kuba uNdikhoyo uyayibhukuqa iBhabheli,uyayiphelisa ingxokozelo yayo enkulu.Iintshaba ziya kugaleleka ngathi ngamaza amakhulu elwandle;kuya kuvakala isandi sengxolo yazo.

56. IBhabheli iya kufikelwa ngumbhukuqi,abanjwe amagorha ayo,ziqhawulwe izaphetha zawo.Kaloku nguThixo wempindezelo uNdikhoyo;yena ubuyekezangokupheleleyo.

57. Ndiya kuzinxilisa iziphathamandla nezilumko zayo,kwakunye neerhuluneli namagosa namagorha ayo.Baya kulala ubuthongo, bangavuki ngonaphakade.”Lowo ngumlomo weKumkani egama linguNdikhoyo uSomandla-onke.

58. Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi:“Luya kudilizwa ngokupheleleyo udonga lweBhabhelinangona lubanzi lunjalo.Amasango ayo aphakamileyo aya kutshiswa ngomlilo.Izizwe zifumane zabulaleka;imigudu yeentlanga ziinkuni zomlilo.”

Ujeremiya 51