Uisaya 65:6-10 Ibhayibhile (XHO96)

6. UNdikhoyo uthi:“Uyabona ke, sendigqibe konke,ibe ke andiyi kuthi cwaka;isohlwayo sabo sesijinga phezu kwabo;ngoko ndiya kubabuyekeza

7. ngenxa yezabo nezono zooyise.Kaloku bênza iziqhumiso ezindulini,baza ke mna bandingcikiva.Ngoko ke ndobabuyekeza kangangoko,ndibohlwaye ngezono zabo.”

8. UNdikhoyo uyathetha, uthi:“Idiliya entle ayitshatyalaliswa kunye naleyo yonakeleyo, koko ngayo kwenziwa iwayini.Nam ke ngenxa yazo izicaka zam andiyi kubatshabalalisa bonke.

9. Ndosuka ndimvelisele inzala uYakobi;abakwaJuda baya kuma kwilizwe lam,iintaba zalo zibe lilifa labanyulwa bam –ziya kuma kuzo izicaka zam.

10. ISharon yoba lidlelo lempahla,iinkomo ziphumle kwintili yeAkore;ezo ke zezabantu abalangazelela intando yam.

Uisaya 65