16. Kaloku wena unguTata wethu,nakuba singaziwa nje nguAbraham;ukanti noSirayeli akasihoyi.Kambe ke wena, Ndikhoyo, unguBawo;wena waba nguMkhululi wethu kwamandulo.
17. Usiyekelani kodwa, siphambuke endleleni yakho, Ndikhoyo?Ngani ukuba usiyeke sinkanize kangaka,side siphelelwe ziintloni nakukukoyika?Buyela kuthi, thina zicaka zakho;sincede, thina zizwe zililifa lakho.
18. Indlu yakho eyodwa yaba yeyabantu bakho umzuzwana,suka ke zona iintshaba zayidobonga zayidiliza.
19. Ngoku thina sesifana nĂ¢bo bangaziwayo nguwe,abo ungazange wabalawula;ewe, sesifana nabangazange babizwe ngawe.