11. Ndibuzile ke mna ndathi:“Koda kube nini na kunje, Mhlekazi?”Ke yena undiphendule wenjenje:“Izixeko zoda zibe ngamabhodlo;ewe, koda kukhal' ibhungane,imizi ingahlalwa bani mpela,nomhlaba ubhuqeke ube yinkangala.
12. Ewe, xa bebonke ndiya kubafudusa,kulo mhlaba kusale kukwanti-zitshile.
13. Noba kungakho mngqandanda usalayo,nawo ngokwawo uya kutshitshiswa kuthi tu!Kambe ke uya kufana nomterebhinte nom-oki,mithi leyo ivelisa ihlumelo yakugawulwa.Kananjalo ke isiphunzi sohlanga siya kuba nalo ihlumelo.”