Uisaya 45:17-19 Ibhayibhile (XHO96)

17. Ke yena uSirayeli wahlangulwa nguNdikhoyo;olwakhe usindiso lohlala luhleli;yena akasoze ahlazeke aphoxeke nanini nanini.

18. UNdikhoyo nguye umdali wamazulu;ngenene nguye oyena-yena Thixo.Ihlabathi eli labunjwa nguye;walenza waza walizinzisa.Akalenzanga laba ngumqwebedu obharhileyo;walenzela ukuze limiwe luluntu.Yena ke uthi: “Ndim uNdikhoyo;akukho Thixo wumbi.

19. Ewe, mna andithethanga ekusitheleni,nenjongo yam andizange ndiyifihle.Mna andiyixhamlanga indlu kaYakobi,ndingatshongo nokuba mayindifune enkqantosini.NdinguNdikhoyo; mna ndiyayithetha inyaniso,mna ndiyakuvakalisa oko kuqinisekileyo.

Uisaya 45