24. Okokwenu nina niyinkunkuma,nemisebenzi yenu yimfitshi-mfitshi.Bangamasikizi abo banichongayo.
25. “Ke mna ndixhokonxe umfo wasentla; uyeza –ondihloniphayo nanko evela empumalanga.Iziphathamandla uzixovula ngathi ludongwe,ngathi ngumbumbi exonxa udongwe.
26. Le nto ngubani oyazise kwantlandlolo kuni,owasilumkisayo ukuze siningqinele?Akukho namnye wakha wayixela,engekho nowakha wayithi thupha.
27. Ndim mna kuqala owayixelelayo iZiyon,ndathi: ‘Nâbo besiza.’Ndathumela isigidimi eJerusalem,umvakalisi weendaba ezimnandi.
28. Ndakuzikhangela ke izithixo ezozonke ndifika zisik' umlomo,kungekho nasinye sinako ukundiphendula.
29. Zonke ziyimfeketho nje.Hayi, azinakwenza nto mpela-mpela;ngamabhetye-bhetye nje emifanekiso.”