12. Ngani nina aba kanye wathi:“Yiyo le intuthuzelo nokuphumla kwenu;le yindawo yokuphumla!”Suka ke nina anamhoya.
13. Ngenxa yoko ke yena *uNdikhoyowosuka abe yinto nani;uza kunifundisa bonke ubugoci-goci,anithi nca ngabo ubucukubhede.Wonithi mbende ngenkcukacha nenanana!Ngoko ke nosuka nithi thwanga,noba ngasus' unyawo nikhubeke;nosuka nenzakale ningxwelerheke;norhintyelek' emigibeni nithinjwe.
14. Iinzwi, ke nina bagxeki,nditsho nina balawul' eJerusalem!Yivani; uyatheth' *uNdikhoyo.
15. Kaloku nina niqhayisa ngokuthi:“Thina senze umnqophiso nokufa;sinesivumelwano nalo elabafileyo.”Suka nazikhohlisa ke nisithi:“Nangomhla wesithwakumbe ke thina sothubeleza;thina kaloku siqamela ngokuxoka,inkohliso nobuxoki yinqaba yethu.”
16. INkosi enguNdikhoyo ke yona ithi:“EZiyon ndibeka isiseko esingagungqiyo;kuso ndifak' inyengane ekhethiweyoentsingiselo ithi ozinikezeleyo akasayi kukhukhuliseka.
17. Umthetho ndowenza umtya wokulungelelanisa,ubulungisa bube yintambo yokundindanisa.Ubuxoki benu botshayelwa sisichotho,iimpuphuma ziyikhukulise inqaba yenu.
18. Umnqophiso wenu nokufa uya kutshitsha,nesivumelwano nelabafileyo sonqamka.Ekugalelekeni kwaso isithwakumbesona siya kunibetha sinongamele.
19. Isithwakumbe sobetha sinikhukhulise;kobe ngasa ibe siso nani.Soba ngunonca imini nobusuku.”Ukuchazwa kolu daba kuya kunirhwaqelisa.
20. Wozaliseka ke nomzekeliso othi:“Akukho kunaba – umandlalo mfutshane;kanti nengubo libhayi – ayambathisi.”