1. Olu ludaba olwatyhilelwa uIsaya unyana ka-Amozi ngokuphathelele kuJuda neJerusalem:
2. Ke kaloku ngemihla yokugqibelaintaba emi kuyo indlu *kaNdikhoyoiya kuba yeyona ibalaseleyo,izikrobele zonke iinduli;nezizwe zonke ziya kugxalathelana ukuya kuyo.
3. Ewe, abantu abaninzi baya kuza, bathi:“Yizani siye entabeni kaNdikhoyo,endlwini kaThixo kaYakobi.Yena wosifundisa iindlela zakhe,ukuze thina sihambe ngazo.”Kaloku umthetho wophuma eZiyon,liphume eJerusalem ilizwi likaNdikhoyo.
4. Nguye oya kugweba phakathi kwezizwe,abe ngumlamli phakathi kweentlanga ngeentlanga,wona amakrele azo ziwenze amakhuba,yona imikhonto ibe zizitshetshe zokuthena imithi.Kaloku izizwe soze ziphinde ziqulelane ngamakrele,zingasayi kuze ziphinde ziyiqeqeshelwe imfazwe.
5. Ngoko ke, nzala kaYakobi,yizani sihambe ngokukhanya okuvela kuNdikhoyo!