Uisaya 13:4-11 Ibhayibhile (XHO96)

4. Yaz'ba ngawani na loo mayeyeye avakalayo?Ezintabeni phaya ngathi lugxudululu oluxokozelayo.Ewe, izirhulumente ziyaphithizela;nâzo izizwe zona ziqokelelana.Ke yena uNdikhoyo uSomandla-onke selehlab' umkhosi.

5. Nantso imikhosi ivela kwelikude,iphuma eziphelweni zehlabathi.UNdikhoy' uyaxhakazela zizixhobo;uza kulivuthulula lonke ilizwe.

6. Hlahlamba ke, utsho ngesikrakra.Kaloku imini kaNdikhoyo isemnyango!Yogaleleka ipheth' intshabalalo evela kuSomandla.

7. Ke zona izandla zitsho zanomkhinkqi.wonk' umntu wangenwa yintaka.

8. Bonke ke bosuka bee nkamalala;bosuka babhinyalaze bezibhija-bhija;bopena-pena ngathi ngumfazi olunywayo.Baya kukrwaqulana bethe khumnqa;ewe, boba sebenyoshoza ziintloni.

9. Ngenene imini kaNdikhoyo ifikile;yona yimin' enzima yengqumbo,elo lizwe loxusheka litsho libe yinkangala;bonke abakhohlakeleyo kulo batshatyalaliswe.

10. Esibhakabhakeni iinkwenkwezi namaqela azozosuka zifiphale zingabi nakukhanya.Ke lona ilanga lophuma lizilile,nenyanga ngokwayo iya kugungxa.

11. Ihlabathi ndilizisela isithwakumbe,ndibohlwaye abantu ngenxa yezono zabo,ndilinqamle ikratshi labazikhukhumalisayo,ziwe bhaxa izibhoja eziqholosayo.

Uisaya 13