25. Ngoku ndiza kuthatha amanyathelo aqatha:ndiza kunikhama ndinicwenge oku kwesinyithi;ndiza kubukhupha buphele tu ububi kuni.
26. Kaloku ndiya kunibuyisela abalawuli njengantlandlolo,ndinimisele izithwala-ndwe njengamandulo.Kuya kwandula ke kuthiwe ungunobulungisa,ngenene ube ngunontembeko.”
27. IJerusalem iya kuhlangulwa bubulungisa bukaThixo.Baya kusinda ke bonke abaguqukayo.
28. Kambe ke baya kutshabalalabonke abavukeli-mbuso nabanxaxhayo;ewe, uNdikhoyo uya kubabhubhisa bonke abakreqi.
29. Ngoko ke nosuka nibe manyonywanangenxa yale mithi yemioki niyinqulayo,ngokunjalo nayiloo miyezo yamanyundululu.
30. Kaloku niya kufana nemioki etshazileyo;niya kuba matwa negadi engankcenkceshelwayo.