18. Ewe, uNdikhoyo uthi:“Yizani, khe sithetha-thethane.Noba sewudyobheke wankone sisono,mna ndokuhlambulula utsho ube msulwa;kanti nokuba sewuyinyhuku-nyhuku,mna ndiya kukwenza ube mhlophe qhwa.
19. Ukuba niyavuma ukundithobela,ningabuxhamla ubuncwane beli lizwe.
20. Kambe ke xa ningafuni, nindivukela,niza kusuka nibe lixhoba lekrele.Nditshilo nje ke mna Ndikhoyo, nditshilo!”
21. Ewe, kambe, sixekondini!Kade uyinzwakazi ngesimo,kodwa xa kunamhlanje-nje, ungumadod' onke.Wawufudul' uphuphuma lucwangco;ngenene wawulikhaya lamalungisa;ke namhlanje ulikhaya lezikrelemnqa.
22. Kaloku wawukade ucwenge njengesiliva,kodwa ngoku sewuphuthile.Wawufana newayini eyondeleleneyo,kambe namhlanje sewungumngxengwa.
23. Iziphathamandla zakho zizibhoja,abafo abalala ngangubo-nye namatutu.Bathwangekile kukufun' izipho nezicengo;abaziinkedama abanaxesha labo,kanti nabahlolokazi abazidubi ngabo.
24. Ngoko ke nanku umlomo *kaNdikhoyo –nditsho uNdikhoyo uSomandla-onke,iNgangalala kaSirayeli – uthi:“Ngoku ndiza kukhe ndiphuncule kwiintshaba zam;ewe kaloku, ndiza kuziphindezela.
25. Ngoku ndiza kuthatha amanyathelo aqatha:ndiza kunikhama ndinicwenge oku kwesinyithi;ndiza kubukhupha buphele tu ububi kuni.
26. Kaloku ndiya kunibuyisela abalawuli njengantlandlolo,ndinimisele izithwala-ndwe njengamandulo.Kuya kwandula ke kuthiwe ungunobulungisa,ngenene ube ngunontembeko.”
27. IJerusalem iya kuhlangulwa bubulungisa bukaThixo.Baya kusinda ke bonke abaguqukayo.
28. Kambe ke baya kutshabalalabonke abavukeli-mbuso nabanxaxhayo;ewe, uNdikhoyo uya kubabhubhisa bonke abakreqi.
29. Ngoko ke nosuka nibe manyonywanangenxa yale mithi yemioki niyinqulayo,ngokunjalo nayiloo miyezo yamanyundululu.
30. Kaloku niya kufana nemioki etshazileyo;niya kuba matwa negadi engankcenkceshelwayo.