Uisaya 1:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. KwelakwaJuda ngemihla yookumkani u-Uziya, uYotam, uAhazi, noHezekiya, uIsaya unyana ka-Amozi wafumana isityhilelo esivela kuThixo, waza wadanduluka wathetha ngokubhekiselele kwisizwe sakwaJuda neJerusalem, wenjenje:

2. Hoyi-i-i-na! Hoyina, mazulu!Bek' iindlebe, nawe hlabathi!Kaloku *uNdikhoyo uthethe wathi:“Ndakhulis' abantwana ndabondla,kodwa ke ngoku bajike bandivukela.

3. Kambe ke yona inkomo iyamaz' umniniyo,ngokunjalo nedonki iyasazi isibaya sayo.Ukanti ke yena uSirayeli uvalekile;ewe, abantu bam abazi nto tu!”

4. Yeha ke, sizwe samanyundululu,abantu abasuntsubala bubugwenxa,nzalandini yamatshijolo,sizukulwanandini sonakalisayo!Kaloku nikreqile nina kuNdikhoyo,nisuke namdelela uYedwa kaSirayeli;ewe ngenene, nihlehlile namfulathela.

5. Anikaneli kwesingaka sona isohlwayo?Niya kurhoxa nini kolu vukelo?Mhawoo! Intloko seyide yaboko-boko;xa uwonke nomzimba uvikivekile.

Uisaya 1