5. Mh-mh-mh, ndiyalenyanya ithole laseSamariya!Ingqumbo yam iyavutha ngakubo;koda kube nini benyhuku-nyhuku?
6. Tholendini lenziwe yingcibi yakwaSirayeli!Hayi, asiThixo le nto iyenzileyo.Ngenene elo thole laseSamariya liya kuntlekeka libe ziingceba.
7. “Bona bahlwayela umoya,kanti bavuna isaqhwithi.Ingqolowa ziziphunzi ezingathwalanga;ngoko ke tu isivuno.Enoba besingade sifumanekebezingafikayo iintlanga zizenzele.
8. USirayeli uthiwe bimbilili.Utshone phakathi kwezizwe;unjengesitya ekungekho yaso mpela.
9. Usuke wanyukela eAsiriya,wanjengeqwarha elibhadulayo;uEfrayim uzithengisile kwizithandwa zakhe.
10. Angade aziqeshise, nditsho nakwiintlanga,kodwa ndosuka ndimqokelele.Phofu ke uya kuncipha,ingcinezelo yokumkani imthi nca.
11. KwaEfrayim andisiwe amaqonga –nditsho awokungxengxezela isono.Ngoku angamaqonga okwenza isono.
12. Ndaba ngababhalela imithetho,nayo ke ingembalwa iyintaphane,suka nayo leyo bayikhaba,bayithatha njengento yasemzini.
13. Ewe, bona amadini bayandenzela;inyama yona bajika bayitye.*UNdikhoyo ke akanelisekanga ngabo,engabulibalanga nobugwenxa babo.Ewe, yena uza kubohlwaya;baza kuphindela kwaseJiputa.
14. USirayeli umlibele umenzi wakhe,suka wazakhela amabhotwe.UJuda wazandisa izixeko ezinqatyisiweyo –zixeko ezo ndozithumela ngomlilo,ulenye konke, nditsho nezo nqaba.”