7. Bonke banobushushu oku kweziko lokubhaka,abalawuli babo babathi lenye.Iikumkani zikhahleleka phantsi,kungekho bani ubhenela kum.
8. “UEfrayim uxubana neentlanga;ewe, yena ufana nesonka esingaguqulwanga.
9. Abasemzini bawaxhaphazile amandla akhe;ke kuye kurhidiwe, akaqondi.Kaloku yena ngoku iinwele zakhe zixubile,ibe ke phofu engaqondi.
10. Ikratshi likaSirayeli liyamkhonkotha,kodwa nkqi kubo ukubuya beze kuNdikhoyo uThixo wabo;ewe, abazidubi nangokumfuna.
11. “UEfrayim ukhamisile, nqwa nehobe;yena usisimathane esingaqondiyo.Uphatha kubhenela eJiputa,maxa wambi abalekele eAsiriya.
12. Ndobabekela umgibe endleleni, ndibanqakule njengeentaka.Xa ndibeva bexhontelana ndobabambisa.
13. Mawoo, ngokuba banxaxhile kum!Yintshabalalo kubo,ngokuba bemkile bandishiya!Mna ndiyafuna ukubahlangula,koko suka baxoka ngam.