11. “UEfrayim ukhamisile, nqwa nehobe;yena usisimathane esingaqondiyo.Uphatha kubhenela eJiputa,maxa wambi abalekele eAsiriya.
12. Ndobabekela umgibe endleleni, ndibanqakule njengeentaka.Xa ndibeva bexhontelana ndobabambisa.
13. Mawoo, ngokuba banxaxhile kum!Yintshabalalo kubo,ngokuba bemkile bandishiya!Mna ndiyafuna ukubahlangula,koko suka baxoka ngam.
14. Xa bekhala abatsho ngomxhelo wabo;basuka bazibhuqa-bhuqe emandlalweni.Baqokelelana ngenxa yokutya newayini,kodwa mna bandichasile.
15. Ndabaqeqesha ndabomeleza,kodwa ngoku bandijikeleza ngobubi.