1. xa ndandifuna ukumnyanga uSirayeli,suka badandalaza ubugwenxa bukaEfrayim,batyhileka ububi beSamariya.Kaloku bahleli ngobuqhophololo.Ngamasela aqhekezayo ebe;basisigqubu sezikrelemnqa esiphanga phandle.
2. Ewe, bona abaqondi tu,kanti izenzo zabo zithe thaa kum.Ngoku bajikelezwe zizenzo zabo;ziluzenge-zenge oluphambi kwam.
3. “Inkohlakalo yabo iyamvuyisa ukumkani;inkohliso yabo iyawavuyisa namaphakathi.
4. Bakrexeza bonke bephela;batshisa njengomlilo wokubhakaoyekwayo ungakhwezelwa ngumbhakiukusukela ekuxovuleni kwakhede inyuke intlama.
5. Ngomhla wetheko lokumkanisuka amaphakathi ashushu yiwayini,naye wabambana izandla nabahlekisi.
6. Kaloku iintliziyo zabo zinjengeziko;ewe, zona zivutha ngamayelenqe.Ingcwangu yabo ilala ubusuku bonke,kusasa idangazele njengomlilo.
7. Bonke banobushushu oku kweziko lokubhaka,abalawuli babo babathi lenye.Iikumkani zikhahleleka phantsi,kungekho bani ubhenela kum.
8. “UEfrayim uxubana neentlanga;ewe, yena ufana nesonka esingaguqulwanga.
9. Abasemzini bawaxhaphazile amandla akhe;ke kuye kurhidiwe, akaqondi.Kaloku yena ngoku iinwele zakhe zixubile,ibe ke phofu engaqondi.
10. Ikratshi likaSirayeli liyamkhonkotha,kodwa nkqi kubo ukubuya beze kuNdikhoyo uThixo wabo;ewe, abazidubi nangokumfuna.
11. “UEfrayim ukhamisile, nqwa nehobe;yena usisimathane esingaqondiyo.Uphatha kubhenela eJiputa,maxa wambi abalekele eAsiriya.