6. Kaloku abantu bam bayatshabalalangenxa yokuswela ulwazi ngam.“Kaloku uyalubukula ulwazi ngam;nawe ke ndiyakukhiqa kububingeleli bam.Wena uwutyeshele umthetho woThixo wakho;andiyi kubakhathalela ke noonyana bakho.
7. “Okukhona baye besanda ababingeleli,kokukhona kwandayo nokundona kwabo.Ke lona olo dumo lwabo ndolujika lube lihlazo.
8. Bona batya ngezono zabantu bam;eyona nto bayifunayo kukuba makwenziwe ubugwenxa.
9. Ngoko ke mna ndobopha ngentamb' enye,ndingakhethi mntu nambingeleli,ndibohlwaye bonke ngenxa yeendlela zabo,ndibabuyekeze ngenxa yeentlondi zabo.
10. Boba ngatya, banganeli noko;boba ngahenyuza, bangandi kodwa;kuba bakuyekile ukumphulaphula uNdikhoyo,
11. basuka bazilahlela ekuhenyuzeni.”“Entsha nendala iwayini iyithimba kuthi tu ingqondo
12. yabantu bam.Bade babuzise nakumfanekiso womthi;bafun' ukutyhilelwa nayintonga yembala.Kaloku balahlekiswa ngumoya wobuhenyu;bakrexezile bamlahla uThixo wabo.