Uhosiya 4:2-13 Ibhayibhile (XHO96)

2. Intw' ekhoyo kukuqalekisa,ukuxoka, ukubulala, ukûba, nokukrexeza.Kugquba ubugebenga;igazi liphalala liphalele.

3. Ngenxa yoko ilizwe lingumqwebedu,nabo bonke abemi balo bayankolonkoza,ngokunjalo oozilwanyana noozintaka;nkqu neentlanzi elwandle phaya ziyafa.”

4. “Akafumani amangalelwe umntu,asuke nje atyholwe ngomnye,kodwa mna ndiza kuwamangalela amawenu, mbingelelindini!

5. Ùza kukhubeka uwe emini wena,nomshumayeli akhubeke awe kunye nawe ebusuku;ewe, nkqu nonyoko ndomcim' igama.

6. Kaloku abantu bam bayatshabalalangenxa yokuswela ulwazi ngam.“Kaloku uyalubukula ulwazi ngam;nawe ke ndiyakukhiqa kububingeleli bam.Wena uwutyeshele umthetho woThixo wakho;andiyi kubakhathalela ke noonyana bakho.

7. “Okukhona baye besanda ababingeleli,kokukhona kwandayo nokundona kwabo.Ke lona olo dumo lwabo ndolujika lube lihlazo.

8. Bona batya ngezono zabantu bam;eyona nto bayifunayo kukuba makwenziwe ubugwenxa.

9. Ngoko ke mna ndobopha ngentamb' enye,ndingakhethi mntu nambingeleli,ndibohlwaye bonke ngenxa yeendlela zabo,ndibabuyekeze ngenxa yeentlondi zabo.

10. Boba ngatya, banganeli noko;boba ngahenyuza, bangandi kodwa;kuba bakuyekile ukumphulaphula uNdikhoyo,

11. basuka bazilahlela ekuhenyuzeni.”“Entsha nendala iwayini iyithimba kuthi tu ingqondo

12. yabantu bam.Bade babuzise nakumfanekiso womthi;bafun' ukutyhilelwa nayintonga yembala.Kaloku balahlekiswa ngumoya wobuhenyu;bakrexezile bamlahla uThixo wabo.

13. Benz' amadini kwiincopho zeentaba,baqhumisele ezindulini,phantsi kwemioki, iipampiri, nemiterebhinte,apho kukho imithunzi epholileyo.Zisuke ke iintombi zenu zihenyuze;basuke oomolokazana bakrexeze.

Uhosiya 4