Uhosiya 14:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. Khanibuye kaloku, maSirayeli;buyelani *kuNdikhoyo, kuThixo wenu.Kaloku niwile ngenxa yezono zenu.

2. Thathani la mazwi nibuyele kuNdikhoyo,nithethe naye nithi:“Sixolele bonke ubugwenxa bethu,uze wamkele okulungileyo;endaweni yeenkunzi zeenkomo sinikela kuwe ngamazwi emilebe yethu.

3. Akanakusisindisa uAsiriya;asiyi kukhwela mahashe emfazwe.Asiphindi sithi: ‘Thixo wethu,’ entweni esiyenze ngokwethu,kuba kukuwe apho inkedama ifumana inceba khona.”

4. “Ndiza kukunyanga ukunxaxha kwabo,ndibavave ngesisa sothando,kuba kaloku andisabaqumbelanga.

5. KuSirayeli ndoba njengombethe,atsho aqhakaze njengenyibiba,endele azike emhlabeni,afane nomsedare waseLebhanon.

Uhosiya 14