Uhosiya 13:8-13 Ibhayibhile (XHO96)

8. Ndohlasela njengebhere eyohluthwe amathole ayo;ewe, ndosuka ndiniqwenga-qwenge.Ndonidlavula njengemazi yengonyama,ndiniqwenge ngathi nihlaselwa lirhamncwa.

9. “Ngenene uzonakalisile, Sirayeli,ngokundichasa kwakho, mna luncedo lwakho.

10. Uphi khona loo kumkani wakhoukuba angakusindisi ezixekweni zakho zonke?Ziphi kaloku iinkokheli zakho?Ngani zingakuncedi nje?Kaloku nankqangaza nisithi:‘Sinike ookumkani nabalawuli.’

11. Ewe kaloku, ndasuka ngomsindo,ndaza ndaninika ookumkani.Kwangomsindo ndisuke ndabohlutha.”

12. “Ubugwenxa bukaEfrayim budityanisiwe babotshwa;izono zakhe zigcinwe kuvimba.

13. Uyapena-pena ziintlungu zenimba;kambe sisiyatha sosana –lakufika ixesha lokuzalwa aluvumi ukuvela.

Uhosiya 13