1. Fudula esithi akuthetha uEfrayimabantu bona bangcangcazela;ewe, yena wayehlonelwa kwaSirayeli.Kodwa ke suka wazixabhela;suka wanqula uBhali waphutha.
2. Ngoku wongeza isono phezu kwesono;uzenzela imifanekiso etyhidiweyo ngesiliva,izithixo ezenziwe ngokweembono zakhe.Ewe, bubuchule bezandla zomntu.Ngoku ke sekusithiwa:“Ofuna ukwenza idini makawange la mathole.”
3. Ke ngoko bothi shwaka njengenkungu yakusasa,njengombethe osuka uvuthuluke.Bofana nomququ ophetshethwa ngumoya,umququ wesanda ophel' emehlweni,ngathi ngumsi otyhoboza ngefestile.
4. “Ukanti ke *ndinguNdikhoyo uThixo wakho.Mna ndakukhuphulula eJiputa.AwunaThixo ngaphandle kwam,kungekho namsindisi ingendim.
5. Ndim owakulondolozayo entlango,ndakugcina kwilizwe lembalela.
6. Ndanondla natsho nahlutha,nathi ningahlutha nakhukhumala;ewe, nasuka nandilibala.
7. Ndosuka ndinihlasele njengengonyama;ndosuka ndinilalele njengengwe.
8. Ndohlasela njengebhere eyohluthwe amathole ayo;ewe, ndosuka ndiniqwenga-qwenge.Ndonidlavula njengemazi yengonyama,ndiniqwenge ngathi nihlaselwa lirhamncwa.
9. “Ngenene uzonakalisile, Sirayeli,ngokundichasa kwakho, mna luncedo lwakho.
10. Uphi khona loo kumkani wakhoukuba angakusindisi ezixekweni zakho zonke?Ziphi kaloku iinkokheli zakho?Ngani zingakuncedi nje?Kaloku nankqangaza nisithi:‘Sinike ookumkani nabalawuli.’