Uhosiya 12:3-12 Ibhayibhile (XHO96)

3. Engekaveli wabamba umntakwabo,wamthi nqaku ngesithende.Ebudodeni wabambana noThixo,

4. wajijisana nesithunywa woyisa,wakhala ecela inceba.Wahlangana noThixo eBhetele,waza wathetha-thethana naye khona apho –

5. uNdikhoyo uThixo uSomandla.Gama lakhe ke nguNdikhoyo;uthuthwa ngalo xa enqulwa.

6. Ngoko ke buyela kuThixo wakho;gcina uthando nobulungisa,uhlale uthembele kuThixo wakho.

7. Isikali somrhwebi sesobuqhophololo;yena uthanda ukuxhaphaza.

8. Kodwa uEfrayim uthi:“Ndimi kakuhle, ndisisinhanha.Ekuzityebiseni kwam akukho bugwenxa nasono esinokufunyanwa.”

9. “NdinguNdikhoyo uThixo wakhoowakukhuphulula kwelaseJiputa.Ndophinda ndinihlalise ezintenteninjengakwimihla yamatheko amisiweyo.

10. Ndim owathetha nabashumayeli,ndabathi jize ngemibono,ndathetha ngemizekeliso ngemilomo yabo.”

11. IGiliyadi ibimi kakuhle,kodwa ngoku ayisento yanto.Koba njalo naseGiligali –noxa kwakubingelelwa ngeenkunzi khonaamaqonga ayo ofana neengqumba zamatye,nditsho ezo zikumasimi alinyiweyo.

12. UYakobi wabhacela kwa-Aram,uSirayeli wamsebenzela umfazi –ukuze amlobole walusa iigusha.

Uhosiya 12