11. IGiliyadi ibimi kakuhle,kodwa ngoku ayisento yanto.Koba njalo naseGiligali –noxa kwakubingelelwa ngeenkunzi khonaamaqonga ayo ofana neengqumba zamatye,nditsho ezo zikumasimi alinyiweyo.
12. UYakobi wabhacela kwa-Aram,uSirayeli wamsebenzela umfazi –ukuze amlobole walusa iigusha.
13. UNdikhoyo wasebenzisa *umshumayeliukukhupha uSirayeli eJiputa;ewe, wabalondoloza ngomshumayeli.
14. Kodwa uEfrayim umcaphukise gqitha.Ngoko ke ityala legazi liza kumfumana,iNkosi yakhe imbuyekeze ngehlazo alenzileyo.