Uhlaziyo-Mnqophiso 9:9-18 Ibhayibhile (XHO96)

9. Ndenyuka entabeni, ndisiya kuphuthuma amacwecwe amatye apho wawubhalwe khona umnqophiso awenze nani uNdikhoyo. Ndahlala apho ke amashumi amane eentsuku nobusuku bazo, ndingatyi ndingaseli.

10. UNdikhoyo ke wandinika amacwecwe amabini amatye apho wayeyibhale khona ngesakhe isandla yonke into awayithethayo apho entabeni ngokuya wayeselangatyeni lomlilo, mhla ngembizo.

11. Ewe, emveni kwezo ntsuku zimashumi mane nobusuku bazo, uNdikhoyo wandinika amacwecwe amabini amatye apho wayewubhale khona umnqophiso.

12. “Ke kaloku uNdikhoyo wathi: ‘Khawuleza uhle, kuba abantu bakho owabakhokela uphuma nabo eJiputa bonile. Ngokukhawuleza nje sebephumile endleleni endabayalela yona; ngoku bazenzele umfanekiso otyhidiweyo.’

13. “UNdikhoyo wathi: ‘Ndiyabazi aba bantu ukuba neenkani kwabo.

14. Ngoko ke ndiyeke ndibatshabalalise nya, ndilicime igama labo ehlabathini. Ke wena ndiya kukwenza ube sisizwe esikhulu nesomeleleyo kunabo.’

15. “Ngoko ke ndehla apho entabeni, ndiphethe loo macwecwe mabini amatye apho wawubhalwe khona umnqophiso. Ke kaloku intaba leyo yayidangazela umlilo.

16. Ndathi ndakukhangela ndabona ukuba nimvukele uNdikhoyo uThixo wenu; nonile nazityhidela umfanekiso wenkunzi yenkomo; ewe, ngokukhawuleza nje seniphumile endleleni enaniyalelwe yona nguNdikhoyo.

17. Ngoko ke ndawathatha loo macwecwe, ndawaphosa phantsi apho phambi kwenu, ophuka aba ziingceba.

18. “Kwakhona ke ndazikhahlela phantsi phambi koNdikhoyo amashumi amane eentsuku nobusuku bazo, ndingatyi ndingaseli. Le nto ke ndayenza kuba nina nanimonile kakhulu namcaphukisa ngobubi enabenzayo uNdikhoyo.

Uhlaziyo-Mnqophiso 9