Ndenyuka entabeni, ndisiya kuphuthuma amacwecwe amatye apho wawubhalwe khona umnqophiso awenze nani uNdikhoyo. Ndahlala apho ke amashumi amane eentsuku nobusuku bazo, ndingatyi ndingaseli.