20. Ewe, abo baseleyo kuzo uNdikhoyo uThixo wenu uya kubathumela ngoonomeva, abagubhulule apho bazimeleyo khona, batshabalale.
21. Ngoko ke sanukunkwantya ngenxa yaba bantu, kuba uNdikhoyo uThixo wenu unani, abe ke yena unguThixo omkhulu orhwaqelisayo.
22. Ekungeneni kwenu uNdikhoyo uThixo wenu uya kuzigxotha ngokuzigxotha ezi zizwe. Aniyi kusuka nizitshabalalise ngaxesha-nye, kuba ngaloo ndlela angasuka ande amarhamncwa, ke nina nibe semngciphekweni.
23. UNdikhoyo uya kuzinikela ezandleni zenu iintshaba zenu, azenze zibe namanwele, zidideke, zitshabalale ziphele.
24. Izikumkani zazo uya kuzinikela ezandleni zenu; ke nina niya kuzitshabalalisa zingabi sakhunjulwa. Akukho mntu uya kuba nako ukumelana nani, naye ke niya kutshabalalisa nivuthulule konke nje.