Uhlaziyo-Mnqophiso 7:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. “*UNdikhoyo uThixo wenu uza kuningenisa kwelo lizwe niya kuma kulo. Uza kugxotha izizwe ezininzi kulo; ewe, yoba sisixhenxe sonke sezizwe ezikhulu nezinamandla kunani. Nazi ke: amaHeti, amaGirgashi, ama-Amori, amaKanana, amaPerezi, amaHivi, namaJebhusi.

2. Ke akuba uNdikhoyo uThixo wenu ezinikele kuni ezi zizwe nazoyisa, kufuneka nizitshabalalise ziphele nya. Ningaze nenze mvumelwano kunye nazo, futhi ze ningabi nanceba tu kuzo.

3. Ningaze nendiselane nazo,

4. kuba ningáthi niyenzile loo nto zibawexule bamlahle uNdikhoyo abantwana benu, banqule thixo bambi. Ingáthi ikhe yenzeka loo nto uNdikhoyo acaphuke anitshabalalise ngoko nangoko.

Uhlaziyo-Mnqophiso 7