2. Ngalo lonke ithuba lobomi bakho, wena nezizukulwana zakho, kufuneka nimhlonele uNdikhoyo uThixo wakho, uyithobele imithetho nemiyalelo yakhe endikunike yona, khon' ukuze ube nokuxhamla ubomi obude.
3. Hoyina, maSirayeli! Yiphulaphuleni niyithobele le miyalelo! Xa niyenzile ke loo nto nolungelwa nande kakhulu kwelo lizwe lendyebo eliphuphuma ubisi nobusi, elo nilinikwa ngokwesithembiso sikaNdikhoyo uThixo wooyihlo.
4. “Hoyina, Sirayeli! UNdikhoyo nguThixo wethu, uNdikhoyo yedwa qwaba!
5. Ngoko ke mthande uNdikhoyo uThixo wakho ngomxhelo wakho wonke, nangomoya wakho wonke, ngokunjalo nangamandla akho onke.
6. Le miyalelo ndikunika yona namhlanje mayilawule bonke ubomi bakho.
7. Uze uyibethelele ekufundiseni abantwana bakho, uthethe ngayo xa usekhaya, kanti noba useluhambeni, naxa ulalayo, ngokunjalo naxa uvukayo.
8. Uze uyiqhinele ibe ngumqondiso esandleni sakho, ngokunjalo nasebunzi, khon' ukuze ihlale isisikhumbuzo.
9. Uze uyikrole emigubasini, ngokunjalo nasemasangweni akho.”
10. “Ngokwesifungo sakhe kookhokho benu, uAbraham, uIsake, noYakobi, *uNdikhoyo uThixo wenu uya kuninika ilizwe elizixeko zihle zikhulu, nangona phofu ungazakhanga ngokwakho.
11. Izindlu zakhona ziphuphuma ubuyoko-yoko ongabulalekanga ngabo. Uya kufumana amaqula aselembiwe, ngokunjalo nezidiliya nezinquma esezityaliwe. Xa sowusitya uhlutha
12. uze ulumke hleze umlibale uNdikhoyo owakukhulula ulikhoboka kwelaseJiputa.
13. “Uze umhlonele uNdikhoyo uThixo wakho, ukhonze yena yedwa, izifungo zakho uzenze ngegama lakhe.