Uhlaziyo-Mnqophiso 4:21-37 Ibhayibhile (XHO96)

21. “Ngenxa yenu uNdikhoyo uThixo wenu waxabana nam, wafunga ukuba andiyi kuwuwela umlambo iJordan ndilibone ilizwe lendyebo aninika lona.

22. Ngoko ke mna andizukuwuwela umlambo, koko ndiza kufela apha, kodwa ke nina seniza kuwela niye kuma kwelo lizwe lendyebo.

23. Zigcineni kunene, ningaze niwulibale umnqophiso ophakathi kwenu noNdikhoyo uThixo wenu, nisuke niwugqithe umyalelo wakhe, niziqingqele umfanekiso noba ngowantoni na.

24. Kaloku uNdikhoyo uThixo wenu ngumlilo olenyayo; unguThixo onekhwele.

25. “Naxa senaluphele kwelo lizwe, senide nanabantwana nabazukulwana, ukuba nithe nona ngokuziqingqela umfanekiso, noba ngoluhlobo luni na, nenza okubi phambi koNdikhoyo uThixo wenu, niyamcaphukisa.

26. Ke ngoko namhlanje izulu nomhlaba ngamangqina am: ukuba nithe nenjenjalo niya kukhawuleza ningabikho kwelo lizwe. Aniyi kuhlala thuba lide phaya phesheya kweJordan, kweli lizwe niya kulo ngoku. Niya kutshatyalaliswa niphele tu.

27. UNdikhoyo uya kunisarhaza phakathi kwezizwe apho kuya kusinda iqaqobana nje kuni.

28. Apho ke niya kunqula *oothixo abenziwe ngabantu, abenziwe ngomthi, nangamatye: oothixo abangaboniyo, abangevayo, abangatyiyo, bengajoji nokujoja.

29. Niya kuthi ke nakumfuna uNdikhoyo uThixo wenu nikuloo meko nimfumane; ewe, ukuba nimfuna nimlangazelela ngomxhelo wenu wonke niya kumfumana.

30. Niya kuthi kamva nakuba sengxakini zibe zinihlele zonke ezi zinto, nitsho nibuyele kuNdikhoyo uThixo wenu, nimthobele.

31. Yena unguThixo onemfesane. Akayi kunilahla kuphele, okanye anitshabalalise; ewe, akayi kuwulibala umnqophiso awawenza ngokwakhe nookhokho benu.”

32. “Ze nifunisise nibuzise ngamaxesha amandulo ningekazalwa, de kuye kwixesha apho uThixo wadala umntu emhlabeni. Ze nibuzise ehlabathini liphela. Ngaba into enjengale yakha yehla na ngaphambili? Ngaba ukhona na umntu owakha weva ngento enjengale?

33. Ngaba sikho na isizwe esakha seva uThixo ethetha naso eselangatyeni lomlilo, saza saphila, njengani?

34. Ukhona na omnye *uthixo owakha waphuthuma abantu kwesinye isizwe, waza wabenza abakhe ncakasana? Kaloku uNdikhoyo uThixo wenu amandla obungangamsha bakhe wawabonakalisa phambi kwenu; wezisa izibetho neemfazwe, wenza imiqondiso nemimangaliso, watsho kwehla izinto ezirhwaqelisayo, nto leyo wayenzayo ngenxa yenu eJiputa.

35. “UNdikhoyo unibonisile zonke ezi zinto, khon' ukuze niqonde ukuba akukho wumbi, nguye yedwa uThixo.

36. Wahlokomisa ilizwi lakhe emazulwini kuba eniqeqesha. Nathi nilapha emhlabeni wanibonisa umlilokazi wakhe, waza wathetha nani elapho kuwo.

37. Wathi ngenxa yokubathanda ookhokho benu waninyula wanikhupha kwelaseJiputa ngamandla akhe angummangaliso nangobukho bakhe,

Uhlaziyo-Mnqophiso 4