3. Kaloku ndiza kulibhengez' igama *likaNdikhoyo;ke nina bubabazeni ubukhulu bukaThixo wethu.
4. YiNgxondorha emsebenz' ufezekileyo;iindlela zakhe bubulungisa bodwa;uThixo othembekileyo enyanisekile,yena lilungisa elingenakumbi.
5. Kambe ke nina nigwenxa,ngoko ke ngenxa yokubhatyaza kwenuaniselulo usapho lwakhe,sizukulwanandini sigoso sinxaxhileyo!
6. Ngani ukuba nimphathe kanj' uNdikhoyo,zidengendini zabantu ezingaqiqiyo?Kaloku yena nguYihlo noMdali wenu;nguye owanenzayo waza wanibonelela.
7. Khanibuzise niqonde ngezamandulo;khaniphande nive ngezizukulwana ezadlulayo.Amanyange wona aya kunibalisela;amadod' amakhulu aya kunichubela.
8. Xenikweni uPhezukonke wazabela ilifa izizwe;yena wabahlula-hlula oonyana babantu,waza izizwe wazimisela imida yazongokobungakanani boonyana bakaSirayeli.
9. Ke yona inxaxheba kaNdikhoyo luhlanga lwakhe.Ewe, uYakobi sisabelo sakhe.
10. Wambhaqa kwimpengempenge yentlango,kwinkangala egxwala amarhamncwa,waza wamchola, wampelesa,wamkhusel' okokhozo lweliso lakhe,