Uhlaziyo-Mnqophiso 32:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. Khanibek' iindlebe, mazulu, ndithethe;khawuthi cwaka, mhlab', uphulaphule.

2. Imfundiso yam iza kuchaphaza njengemvula,itshone njengombeth' emhlabeni,amazwi am awe njengomkhumezelo phezu kohlaza,abe njengomvimbi phezu kotyani.

3. Kaloku ndiza kulibhengez' igama *likaNdikhoyo;ke nina bubabazeni ubukhulu bukaThixo wethu.

4. YiNgxondorha emsebenz' ufezekileyo;iindlela zakhe bubulungisa bodwa;uThixo othembekileyo enyanisekile,yena lilungisa elingenakumbi.

5. Kambe ke nina nigwenxa,ngoko ke ngenxa yokubhatyaza kwenuaniselulo usapho lwakhe,sizukulwanandini sigoso sinxaxhileyo!

6. Ngani ukuba nimphathe kanj' uNdikhoyo,zidengendini zabantu ezingaqiqiyo?Kaloku yena nguYihlo noMdali wenu;nguye owanenzayo waza wanibonelela.

7. Khanibuzise niqonde ngezamandulo;khaniphande nive ngezizukulwana ezadlulayo.Amanyange wona aya kunibalisela;amadod' amakhulu aya kunichubela.

8. Xenikweni uPhezukonke wazabela ilifa izizwe;yena wabahlula-hlula oonyana babantu,waza izizwe wazimisela imida yazongokobungakanani boonyana bakaSirayeli.

Uhlaziyo-Mnqophiso 32