Uhlaziyo-Mnqophiso 31:11-13 Ibhayibhile (XHO96)

11. Mawufundelwe amaSirayeli xa ewonke mhla eze kunqula uNdikhoyo uThixo wenu kuloo ndawo yalathwe nguye.

12. Makuqokelelwe bonke abantu – amadoda, abafazi, nabantwana, ngokunjalo nabangeneleli abalapho phakathi kwenu – khon' ukuze bawuve, bafunde ukumhlonela uNdikhoyo uThixo wenu, bazithobele bazenze ngondileko iimfundiso zalo mthetho.

13. Ngale ndlela ke nabantwana benu abangekawazi lo mthetho baya kuwuva. Ngoko ke baya kufunda ukumthobela bamhlonele uNdikhoyo uThixo wenu ngalo lonke ithuba nihleli kwelo lizwe niza kungena kulo phesheya kweJordan.”

Uhlaziyo-Mnqophiso 31