6. “Wosikelelwa ekuphumeni kwakho, nasekubuyeni kwakho ngokunjalo.
7. “UNdikhoyo uya kukuvathisa ngoloyiso, nditsho noba sewuhlaselwa ziintshaba. Zothi noba sezivela kwicala elithile, wena uzibethe zithi saa macal' onke.
8. “UNdikhoyo uThixo uya kuwuthamsanqela umsebenzi wakho, izisele zakho zihlale ziphuphuma. Uya kukuthi jize ngamathamsanqa kwelo lizwe akunika lona.
9. “Ukuba niyithobele imiyalelo nahamba ngokwelizwi lakhe, uNdikhoyo uThixo wenu uya kunimisela nibe ngabantu bakhe ncakasana ngokwesithembiso sakhe.
54-55. Nditsho namadoda aphucukileyo anesisa ngelo thuba aya kuphalala ebethwa yindlala, kangangokuba ade atye abantwana bawo. Indoda iya kuvimba nomntakwayo, nomfazi wayo oyintanda, nditsho nowokugqibela osekhoyo kubantwana bayo.
56-57. Kwanomfazi ozitshoyo, intokazi esisigcodololo esichula ukunyathela, naye uya kuziphatha kwangolo hlobo. Luya kuthi lwakuningqinga utshaba acikidwe liphango, aphalale kangangokuba ade atye nosana agqib' ukulizala, ngokunjalo nomkhaya lowo, yonke ke le nto eyiba. Ewe, uya kude avimbe nendoda le yakhe yebhongo; asisathethi ke ngabantwana bakhe.
58. “Ukuba akuyithobelanga ngenyameko imfundiso yalo mthetho ubhalwe kule ncwadi, ukuba uthe awalihlonipha eli gama lizukileyo linobuqaqawuli likaNdikhoyo uThixo wakho,
59. wena ngokunjalo nenzala yakho úya kunibetha ngezithwakumbe ezingaqhelekanga nezingaphele ndawo, nezifo ezoyikekayo ezingeva yeza.
60. Uya kukuzisela ezaa zifo zaseJiputa wawuzoyika kunene, zaye ke zona ziya kunamathela kuwe.
61. “Ngaphezu koku uNdikhoyo uya kukuthumela ngazo zonke iindidi zezifo nezithwakumbe, nditsho nezo zingaxelwanga kule ncwadi yomthetho; ke zona ziya kukutshabalalisa.